3 Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun, Ùcinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? Abakhonzi bakhe àbezé kuwe na ukuze baligocagoce, balibhukuqe, balihlole ilizwe?
4 Wabathabatha uHanun abakhonzi bakaDavide, wabaguya, wazicanda phakathi iingubo zawo ezinde, wada waya kuma ngemisekela; wabandulula ke.
5 Bahamba, bamxelela uDavide okwenziwe kuloo madoda. Wathumela bawakhawulela; ngokuba amadoda lawo ayehlazisiwe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya ke.
6 Babona oonyana baka-Amon, ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke ooHanun noonyana baka-Amon kwa-Aram* ephakathi kweMilambo,* nakwa-Aram-mahaka, naseTsobha, iwaka leetalente* zesilivere, ukuba baqeshe iinqwelo zokulwa nabamahahe.
7 Baziqeshela amashumi amathathu anamabini amawaka eenqwelo zokulwa, nokumkani waseMahaka, nabantu bakhe; beza ke bamisa iintente phambi kweMedebha. Oonyana baka-Amon bahlanganisana, bephuma emizini yabo, beza kulwa.
8 Weva uDavide, wathuma uYowabhi, enomkhosi wonke wamagorha.
9 Baphuma oonyana baka-Amon, bakha izintlu zokulwa ekungeneni komzi, ookumkani ababezile bebodwa endle.