26 UYerameli ebenomnye umfazi, igama lakhe linguAtara; ubengunina kaOnam.
27 Oonyana bakaRam, amazibulo kaYerameli, babenguMahatse, noYamin, noEkere.
28 Oonyana bakaOnam babenguShamayi, noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi, noAbhishure.
29 Igama lomka-Abhishure nguAbhihayili;
30 wamzalela uAbhan, noMolidi. Oonyana bakaNadabhi nguSelede, noApayim; wafa uSelede engazalanga.
31 Oonyana baka-Apayim nguIshi. Oonyana bakaIshi nguSheshan. Oonyana bakaSheshan nguAlayi.
32 Oonyana bakaYada, umninawa kaShamayi, nguYetere noYonatan. Wafa uYetere engazalanga.