1 Ke kaloku, xa uDavide wayesel' aluphele, ehambisekile ebudaleni, wamenza uSolomon unyana wakhe ukumkani kumaSirayeli.
2 Wabahlanganisa bonke abathetheli bamaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi.
3 Babalwa abaLevi, kwathatyathelwa kwabaminyaka imashumi mathathu bezelwe kwenyusa. Inani labo ngokweentloko zabo, indoda ngendoda, laba ngamashumi amathathu anesibhozo amawaka.
4 Kubo aba, abokongamela umsebenzi wendlu kaYehova baba ngamashumi amabini anamané amawaka; ababhali nabagwebi bangamawaka amathandathu.
5 Abamasango baba ngamawaka amané; abadumisa uYehova ngeempahla endazenzela ukudumisa, watsho uDavide, baba ngamawaka amané.
6 UDavide wabahlula bazizahlulo ngokoonyana bakaLevi, yanguGershon, noKehati, noMerari.