3 Babalwa abaLevi, kwathatyathelwa kwabaminyaka imashumi mathathu bezelwe kwenyusa. Inani labo ngokweentloko zabo, indoda ngendoda, laba ngamashumi amathathu anesibhozo amawaka.
4 Kubo aba, abokongamela umsebenzi wendlu kaYehova baba ngamashumi amabini anamané amawaka; ababhali nabagwebi bangamawaka amathandathu.
5 Abamasango baba ngamawaka amané; abadumisa uYehova ngeempahla endazenzela ukudumisa, watsho uDavide, baba ngamawaka amané.
6 UDavide wabahlula bazizahlulo ngokoonyana bakaLevi, yanguGershon, noKehati, noMerari.
7 KumaGershon yanguLadan noShimehi.
8 Oonyana bakaLadan nguYehiyeli omkhulu, noZetam, noYoweli; bathathu.
9 Oonyana bakaShimehi nguShelomiti, noHaziyeli, noHaran; bathathu. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zikaLadan.