7 Inani labo kunye nabazalwana babo ababefundisiwe ukuvuma iingoma zikaYehova, bonke abakwaziyo, lalingamakhulu amabini anamanci asibhozo anesibhozo.
8 Bawisa amaqashiso esigxina: njengoko anjalo omncinane, wanjalo omkhulu, okwaziyo kunye nofundiswayo.
9 Iqashiso lokuqala laphuma ngoAsafu, noYosefu: yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini; iqashiso lesibini noGedaliya: yena nabazalwana bakhe noonyana bakhe baba lishumi elinababini;
10 elesithathu noZakure: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;
11 elesiné noItseri: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
12 elesihlanunoNetaniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
13 elesithandathu noBhukiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;