1 Oonyana bakaSirayeli ngokwenani labo, iintloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nababhali babo, ababelungiselela kukumkani emicimbini yonke yamaqela ngamaqela: angénayo naphumayo iinyanga ngeenyanga, ezinyangeni zonke zomnyaka, liqela linye, lalingamashumi amabini anamané amawaka.
2 Iqela lokuqala ngenyanga yokuqala laliphethwe nguYashobheham unyana kaZabhediyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka;
3 koonyana bakaPeretse, ibinguye oyintloko yabathetheli bonke bemikhosi ngenyanga yokuqala.
4 Iqela lenyanga yesibini laliphethwe nguDodayi umAhowa, ingànga yeqela lakhe inguMikeloti; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
5 Umthetheli wesithathu womkhosi ngenyanga yesithathu ibinguBhenaya, unyana kaYoyada umbingeleli, eyintloko; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.
6 Ngulo Bhenaya waye eligorha kumashumi amathathu, ephethe amashumi omathathu lawo; eqeleni lakhe inguAmizabhadi unyana wakhe.
7 Owesiné ngenyanga yesiné ibinguAsaheli umninawa kaYowabhi, inguZebhadiya unyana wakhe emva kwakhe; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamané amawaka.