2 Wesuka wema ngeenyawo uDavide ukumkani, wathi: Ndiphulaphuleni, bazalwana bam, bantu bam. Mna, kwaye kusentliziyweni yam ukuyakhela indlu yokuhlala ityeya yomnqophiso kaYehova, isihlalo seenyawo zikaThixo wethu, ndalungisela ukwakha;
3 koko uThixo wathi kum, Uze ungalakheli ndlu igama lam, ngokuba uyindoda yemfazwe, uphalazé igazi elininzi.
4 Ke wandinyula uYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini yonke kabawo, ukuba ndibe ngukumkani kumaSirayeli ngonaphakade; ngokuba unyulé uYuda ukuba abe yingànga, endlwini kaYuda unyulé indlu kabawo, koonyana bakabawo ukholwé ndim, ukuba andenze ukumkani kumaSirayeli onke.
5 Nakoonyana bam bonke (ngokuba undinike oonyana abaninzi uYehova), unyulé uSolomon unyana wam, ukuba ahlale etroneni yobukumkani bukaYehova kumaSirayeli.
6 Wathi kum, USolomon, unyana wakho, nguye oya kwakha indlu yam neentendelezo zam; ngokuba ndizinyulele yena ukuba abe ngunyana kum, ndibe nguyise kuye mna;
7 ndibuzinzise ubukumkani bakhe kude kuse ephakadeni, ukuba úthe waqinisela ukuyenza imithetho yam namasiko am, njengoko kunjalo namhla.
8 Ngoko ke ndiyaniyala emehlweni amaSirayeli onke, ibandla likaYehova, nasezindlebeni zoThixo wethu: gcinani niquqele kuyo yonke imithetho kaYehova uThixo wenu, ukuze nilimé eli lizwe lihle, nilishiye libe lilifa koonyana benu emva kwenu, kude kuse ephakadeni.