5 Nakoonyana bam bonke (ngokuba undinike oonyana abaninzi uYehova), unyulé uSolomon unyana wam, ukuba ahlale etroneni yobukumkani bukaYehova kumaSirayeli.
6 Wathi kum, USolomon, unyana wakho, nguye oya kwakha indlu yam neentendelezo zam; ngokuba ndizinyulele yena ukuba abe ngunyana kum, ndibe nguyise kuye mna;
7 ndibuzinzise ubukumkani bakhe kude kuse ephakadeni, ukuba úthe waqinisela ukuyenza imithetho yam namasiko am, njengoko kunjalo namhla.
8 Ngoko ke ndiyaniyala emehlweni amaSirayeli onke, ibandla likaYehova, nasezindlebeni zoThixo wethu: gcinani niquqele kuyo yonke imithetho kaYehova uThixo wenu, ukuze nilimé eli lizwe lihle, nilishiye libe lilifa koonyana benu emva kwenu, kude kuse ephakadeni.
9 Ke wena Solomon, nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo, nangomphefumlo ovumayo; ngokuba uYehova uyazingxoka zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kweengcinga zabantu. Ukuba uthe wamfuna, wófunyanwa nguwe; ukuba uthe wamshiya, wókulahla mpela.
10 Uze ulumke ke; ngokuba uYehova ukunyule ukuba wakhe indlu ibe yeyengcwele. Yomelela uyenze.
11 UDavide wamnika uSolomon unyana wakhe isilinganiso sevaranda,* nesezindlu zayo, nesoovimba bayo, nesamagumbi ayo aphezulu, nesamagumbi ayo aphakathi, nesendlu yokucamagusa;