19 Benza imfazwe namaHagari, noYeture, noNafishe, noNodabhi.
20 Bancediswa kuwo, amaHagari anikelwa esandleni sabo, nabo bonke abebenawo. Ngokuba balila kuThixo ekulweni, wathandazeka ngabo; ngokuba babekholose ngaye.
21 Bayithimba imfuyo yawo, iinkamela zawo amashumi omahlanu amawaka, nempahla emfutshane amakhulu omabini anamanci mahlanu amawaka, namaesile amawaka amabini, abantu belikhulu lamawaka.
22 Ngokuba kwawa babaninzi ababuleweyo; ngokuba yayiphuma kuThixo imfazwe leyo. Bahlala ezikhundleni zabo, bada bathinjwa.
23 Ke kaloku oonyana besiqingatha sesizwe sakwaManase bahlala kwelo zwe; bathabathela eBhashan, besa eBhahalihermon, naseSenire, nasentabeni yeHermon, ukuba baninzi kwabo.
24 Zizo ezi iintloko zezindlu zooyise: noEfere, noIshi, noEliyeli, noAzeriyeli, noYeremiya, noHodaviya, noYadiyeli, amadoda angamagorha anobukroti, amadoda anegama, iintloko zezindlu zooyise.
25 Bameneza kuThixo wooyise, bahenyuza ngokulandela oothixo bezizwe zelo zwe, awazitshabalalisayo uThixo phambi kwabo.