18 Udade wabo, uHamolekete, wazala uIshodi, noAbhihezere, noMahala.
19 Oonyana bakaShemida babengooAhiyan, noShekem, noLiki, noAniyam.
20 Oonyana bakaEfrayim nguShutela, noBherede unyana wakhe,
21 noTahati, unyana wakhe, noEliyada unyana wakhe, noTahati unyana wakhe, noZabhadi unyana wakhe, noShutela unyana wakhe, noEzere, noEladi; abababulalayo abantu bakwaGati, ababezalelwe kwelo zwe; ngokuba babehle beza kuthabatha imihlambi yabo.
22 Wenza isijwili uEfrayim, uyise, imihla emininzi, beza kumkhuza abazalwana bakhe.
23 Wamngena umfazi wakhe; wakhawula, wazala unyana, wathi igama lakhe nguBheriya;* ngokuba bekuhlé ububi endlwini yakhe.
24 Intombi yakhe ibinguShera; yayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, neUzen-shera.