21 noTahati, unyana wakhe, noEliyada unyana wakhe, noTahati unyana wakhe, noZabhadi unyana wakhe, noShutela unyana wakhe, noEzere, noEladi; abababulalayo abantu bakwaGati, ababezalelwe kwelo zwe; ngokuba babehle beza kuthabatha imihlambi yabo.
22 Wenza isijwili uEfrayim, uyise, imihla emininzi, beza kumkhuza abazalwana bakhe.
23 Wamngena umfazi wakhe; wakhawula, wazala unyana, wathi igama lakhe nguBheriya;* ngokuba bekuhlé ububi endlwini yakhe.
24 Intombi yakhe ibinguShera; yayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, neUzen-shera.
25 URefa ebengunyana wakhe, noReshefe; uTela ngunyana wakhe, noTahan unyana wakhe,
26 uLadan unyana wakhe, uAmihudi unyana wakhe, uElishama unyana wakhe,
27 uNun unyana wakhe, uYoshuwa unyana wakhe.