16 UObhadiya waya kumkhawulela ke uAhabhi, wamxelela; wahamba uAhabhi, waya kumkhawulela uEliya.
17 Kwathi, uAhabhi akumbona uEliya, wathi uAhabhi kuye, Ùlapha na wena, uwahlisele intlekele amaSirayeli?
18 Wathi yena, Andiwahliselanga ntlekele amaSirayeli; nguwe nendlu kayihlo, ngokuyishiya kwenu imithetho kaYehova, walandela ooBhahali.*
19 Ke ngoko, thumela uwahlanganisele kum amaSirayeli onke entabeni yeKarmele, nabaprofeti bakaBhahali abangamakhulu amané anamanci mahlanu, nabaprofeti baka-Ashera* abangamakhulu amané, abadla etafileni kaIzebhele.
20 Wathumela ke uAhabhi koonyana bonke bakaSirayeli, wabahlanganisela abaprofeti entabeni yeKarmele.
21 Wafika uEliya ebantwini abo bonke, wathi, Koda kube nini na nimbaxa? Ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; ke ukuba nguBhahali uThixo, landelani yena. Àbamphendula nezwi abantu.
22 Wathi uEliya ebantwini, Kusele mna ndodwa umprofeti kaYehova; ke abakaBhahali abaprofeti ngamakhulu amané anamanci amahlanu amadoda.