31 UEliya wathabatha amatye alishumi elinamabini, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaYakobi, eleza kuye ilizwi likaYehova lisithi, Liya kuba nguSirayeli igama lakho.
32 Wákha ngamatye lawo isibingelelo egameni likaYehova, wenza umsele olingene iiseha* ezimbini zembewu, ngeenxa zonke esibingelelweni.
33 Wazilungisa iinkuni, wayityatya inkunzi entsha, wayibeka phezu kweenkuni.
34 Wathi, Zalisani imiphanda ibe miné ngamanzi, niwagalele phezu kwedini elinyukayo, naphezu kweenkuni; wathi, Phindani okwesibini; baphinda okwesibini. Wathi, Phindani okwesithathu; baphinda okwesithathu.
35 Ahamba amanzi ngeenxa zonke esibingelelweni; wawuzalisa nomsele ngamanzi.
36 Kwathi ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa, wasondela uEliya umprofeti, wathi, Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, namhla makwaziwe ukuba nguwe uThixo kwaSirayeli; ukuba ndingumkhonzi wakho mna; ukuba ndizenzé zonke ezi zinto ngelizwi lakho.
37 Ndíphendule, Yehova, ndíphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguThixo, ukuba uyiguqulele kuwe intliziyo yabo.