42 Wathumela ke ukumkani, wambiza uShimehi, wathi kuye, Bendingakufungise uYehova yini na, ndakuqononondisa, nditsithi, Mini uthe waphuma waya phi naphi, yazi inene ukuba ùya kufa? Wathi ke wena kum, Lilungile elo lizwi, ndilivile.
43 Kungani na ke ukuba ungasigcini isifungo sikaYehova, nomthetho endakuwiselayo?
44 Wathi ukumkani kuShimehi, Uyabazi wena bonke ububi obaziwa yintliziyo yakho, owabenzayo kuDavide ubawo; úya bubuyisela uYehova ububi bakho kwasentlokweni yakho;
45 asikelelwe ukumkani uSolomon, iqiniseke itrone kaDavide phambi koYehova, kude kuse ephakadeni.
46 Ukumkani wamwisela ke umthetho uBhenaya unyana kaYehoyada; waphuma wamgwaza, wafa. Ubukumkani baqiniseka esandleni sikaSolomon.