4 UAhabhi waya endlwini yakhe ebuthe nkwa ubuso, ejalile, lilizwi abelithethile kuye uNabhoti waseYizereli, wathi, Andiyi kukunika ilifa loobawo. Waya walala esingqengqelweni, wabheka phaya; akadla nokudla.
5 Wafika uIzebhele umkakhe kuye, wathi kuye, Yini na ukuba usangane kangaka, ungadli nokudla?
6 Wathi kuye, Kungokuba ndithethe kuNabhoti waseYizereli, ndathi kuye, Ndínike isidiliya sakho ngemali; okanye ukuba ùyavuma, ndokunika esinye isidiliya esikhundleni saso; wathi, Andiyi kukunika isidiliya sam.
7 Wathi uIzebhele umkakhe kuye, Wena, abuphethwe nguwe na ngoku ubukumkani bakwaSirayeli? Vuka udle ukudla, ichwayithe intliziyo yakho; ndokunika mna isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.
8 Wabhala iincwadi egameni lika-Ahabhi, wazitywina ngomsesane wakhe, wazithumela ezo ncwadi kumadoda amakhulu nakubanumzana ababekuloo mzi wakhe, ababehleli noNabhoti.
9 Wabhala kwezo ncwadi, wathi, Memani uzilo lokudla, nimbeke uNabhoti phambi kwabantu;
10 nibeke amadoda amabini angamatshijolo phambi kwakhe, angqine ngaye, athi, Wena uthuké uThixo nokumkani. Nize nimkhùphele phandle, nimgibisele ngamatye, afe.