47 Bekungekho kumkani oko kwaEdom. Bekulawula ibamba.
48 UYehoshafti wenza iinqanawa zaseTarshishe zokuya kuthabatha igolide kwaOfire. Àzaya, ngokuba iinqanawa ezo zaphuka e-Etsiyon-gebhere.
49 Waza wathi uAhaziya, unyana ka-Ahabhi, kuYehoshafati, Abakhonzi bam mabahambe nabakhonzi bakho ngeenqanawa.
50 Àkavuma uYehoshafati. UYehoshafati walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide uyise. UYehoram unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
51 UAhaziya, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari ngomnyaka weshumi elinesixhenxe kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, waba neminyaka emibini engukumkani kwaSirayeli.
52 Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kayise, nangendlela yonina, nangendlela kaYarobheham unyana kaNebhati, owawonisayo amaSirayeli.
53 Wakhonza uBhahali,* waqubuda kuye, wamqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli, njengako konke awakwenzayo uyise.