25 Wathi ukumkani, Mcandeni kubini lo mntwana uhleliyo, niyinike isahlulo enye, niyinike isahlulo enye.
26 Yathetha le nkazana, ungowayo unyana ohleliyo, kukumkani (ngokuba ibisikwa yimfesane ngonyana wayo), yathi, Camagu, nkosi yam, seniyinika lo mntwana uhleliyo; musani ukumbulala afe. Ke enye le yathi, Makangabi ngowam, makangabi ngowakhe; mcandeni.
27 Waphendula ukumkani, wathi, Mnikeni leya umntwana ohleliyo, ningàmbulali; nguye unina.
28 Asiva onke amaSirayeli isigwebo agwebé ngaso ukumkani; amoyika ukumkani; ngokuba ayebona ukuba ubulumko bukaThixo buphakathi kwakhe, ukuba enze isigwebo.