25 Lwema phezu kweenkomo ezilishumi elinambini: ezintathu zibheké entla, ezintathu zibheké entshonalanga, ezintathu zibheké empumalanga; ulwandle lubekwe kuzo ngaphezulu, imiva yazo zonke isinge phakathi.
26 Ubungqingqwa balo bebungangobubanzi besandla; udini lwalo belwenziwe lwanjengodini lwendebe, lwaneentyantyambo zeenyibiba; lulingéne amawaka amabini eebhate.*
27 Wenza iingqwelwana zalishumi ngobhedu; baziikubhite eziné ubude benqwelwana inye, baziikubhite eziné ububanzi bayo, kwaziikubhite ezintathu ukuphakama kwayo.
28 Kwakunje ukwenziwa kwenqwelwana: zazineepanele* phakathi kwemiqhele;
29 naphezu kweepanele eziphakathi kwemiqhele ibiziingonyama neenkomo neekerubhi;* naphezu kwemiqhele bekukho useko ngaphezulu; ngaphantsi kweengonyama neenkomo bekukho izidanga, umsebenzi ojingayo.
30 Inqwelwana inye yabe ineevili eziné zobhedu, neeasi zobhedu; iinyawo zazo zoziné zazinamagxa; ngaphantsi kwezitya zokuhlambela ingamagxa lawo atyhidiweyo, ngaphaya kwelinye ibizizidanga.
31 Umlomo wayo ubusesazulwini sesiciko, uyikubhite ukuphakama kwawo; umlomo wesiciko uyinqila, senziwe ngokwenziwa koseko; siyikubhite enesiqingatha sekubhite ububanzi; nasemlonyeni waso kwakukho imikrolo; iipanele zaso zazimbombo-né, azaba zinqila.