61 Mayiphelele intliziyo yenu kuYehova uThixo wethu, ukuba nihambe ngemimiselo yakhe, niyigcine imithetho yakhe, njengoko kunjalo namhla.
62 Waye ke ukumkani, namaSirayeli onke kunye naye, ebingelela imibingelelo phambi koYehova.
63 Wabingelela ke uSolomon imibingelelo yokubulela, awayibingelelayo kuYehova; amashumi amabini anesibini amawaka eenkomo, ikhulu elinamanci amabini lamawaka empahla emfutshane. Bayisungula ke indlu kaYehova, ukumkani lowo noonyana bonke bakaSirayeli.
64 Ngaloo mini ukumkani wawungcwalisa umphakathi wentendelezo ephambi kwendlu kaYehova. Ngokuba wenza khona idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, namanqatha emibingelelo yokubulela; kuba isibingelelo sobhedu esiphambi koYehova besisincinane, singenakulamkela idini lonke elinyukayo, nomnikelo wokudla, namanqatha emibingelelo yokubulela.
65 Ngelo xesha uSolomon wenza umthendeleko, enamaSirayeli onke, ibandla elikhulu, elithabathele ekungeneni kweHamati, lesa emlanjeni waseYiputa, phambi koYehova uThixo wethu, iintsuku ezisixhenxe neentsuku ezisixhenxe, zaziintsuku ezilishumi elinesiné.
66 Ngosuku lwesibhozo wabandulula abantu. Bambonga ukumkani, baya ke ezintenteni zabo, bevuya, bechwayithile ngenxa yokulunga konke awakwenzayo uYehova kuDavide umkhonzi wakhe, nakumaSirayeli abantu bakhe.