4 Wena ke, ukuba uthe wahamba phambi kwam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ngentliziyo egqibeleleyo, nangokuthe tye, ukuba ukwénze konke endikumisileyo, ugcine imimiselo yam namasiko am:
5 ndoyimisa itrone yobukumkani bakho phezu kwamaSirayeli ngonaphakade, njengoko ndakuthethayo kuDavide uyihlo, ndisithi, Akuyi kunqunyukelwa ndoda etroneni yakwaSirayeli.
6 Ukuba ke nithe nabuya nabuya ekundilandeleni, nina noonyana benu, anayigcina imithetho yam nemimiselo yam, endiyibeke phambi kwenu, naya nakhonza thixo bambi, naqubuda kubo:
7 ndowanqamla amaSirayeli emhlabeni endiwanikileyo; nale ndlu, ndiyingcwaliséle igama lam, ndoyilahla ebusweni bam, amaSirayeli abe ngumzekeliso nento yentsini ezizweni zonke.
8 Nale ndlu noko iphezulu nje, bomangaliswa benze umsondlo bonke abadlulayo kuyo, bathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nakule ndlu?
9 Bathi ke, Kungenxa yokuba bamshiyáyo uYehova uThixo wabo, owakhupha ooyise ezweni lamaYiputa; babambelela thixweni bambi, babanqula, babakhonza; kungenxa yoko abuzisileyo bonke obu bubi phezu kwabo uYehova.
10 Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, awazakha ngayo uSolomon izindlu zombini, indlu kaYehova nendlu kakumkani