12 Kwathi, ekuthandazeni kwakhe uzungu phambi koYehova, uEli wawugqala umlomo wakhe.
13 Ke yena uHana wayethethela entliziyweni yakhe, kubebezela imilebe yomlomo wakhe yodwa, ilizwi lakhe lingavakali; uEli waba uyanxila.
14 Wathi uEli kuye, Koda kube nini na unxila? Yisuse iwayini yakho kuwe.
15 Waphendula uHana, wathi, Hayi, nkosi yam, ndingumfazi omoya unobunzima, andiselanga wayini nasiselo sinxilisayo; ndiphalaza umphefumlo wam phambi koYehova.
16 Musa ukumbalela umkhonzazana wakho ekuthini yintombi yetshijolo; ngokuba unangoku ndithethe ngobuninzi bokukhalaza kwam nokuqu njiswa kwam.
17 Waphendula uEli, wathi, Hamba unoxolo; uThixo kaSirayeli makakunike isicelo sakho osicelileyo kuye.
18 Wathi ke yena, Umkhonzazana wakho lo makababalwe nguwe.Wahamba indlela yakhe umfazi lowo, wadla, ababa samatsha ubuso bakhe.