17 Waphendula uEli, wathi, Hamba unoxolo; uThixo kaSirayeli makakunike isicelo sakho osicelileyo kuye.
18 Wathi ke yena, Umkhonzazana wakho lo makababalwe nguwe.Wahamba indlela yakhe umfazi lowo, wadla, ababa samatsha ubuso bakhe.
19 Bavuka kusasa ngengomso, baqubuda phambi koYehova, babuya, bangena endlwini yabo eRama.UElikana wamazi uHana umkakhe; uYehova wamkhumbula.
20 Kwathi ukufezeka kwemihla, wamitha uHana, wazala unyana, wamthiya igama elinguSamuweli,* esithi, Kungokuba ndamcelayo kuYehova.
21 Yenyuka indoda leyo inguElikana nendlu yayo yonke, ukuba ibingelele kuYehova umbingelelo womnyaka, inesibhambathiso sayo.
22 Ke yena uHana akanyukanga; ngokuba wathi kwindoda yakhe, Kokha kulunyulwe umntwana, ndandule ke ukumzisa abonakale phambi koYehova, ahlale khona kude kuse ephakadeni.
23 Wathi uElikana indoda yakhe kuye, Yenza okulungileyo emehlweni akho; hlala ude umlumle; ke uYehova makalimise ilizwi lakhe. Wahlala ke umfazi, wanyisa unyana wakhe wada wamlumla.