17 Ke kaloku uSamuweli wabahlabela umkhosi abantu;
18 beza kuYehova eMizpa. Wathi koonyana bakaSirayeli, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndawanyusa mna amaSirayeli eYiputa, ndanihlangula esandleni samaYiputa, nasesandleni sezikumkani zonke ezanixinayo.
19 Namhla ke nimcekisile nina uThixo wenu, owanisindisayo ebubini benu bonke, nasekubandezelweni konke, nathi kuye, Símisele ukumkani phezu kwethu. Kaloku ke zimiseni phambi koYehova ngokwezizwe zenu, nangokwamawaka enu.
20 Wazisondeza ke uSamuweli zonke izizwe zakwaSirayeli, kwathatyathwa isizwe sakwaBhenjamin.
21 Wasisondeza isizwe sakwaBhenjamin ngokwemizalwane yaso, kwathatyathwa umzalwane wakwaMatri, kwathatyathwa ke uSawule unyana kaKishe. Bamfuna, àbamfumana.
22 Babuya babuza kuYehova, bathi, Uselefikile na umntu? Wathi uYehova, Nanko ezímele yena phantsi kwempahla.
23 Babaleka, bamthabatha apho. Wema phakathi kwabantu, wamde kubantu bonke, ethabathela emagxeni anyuse.