6 Abona amadoda akwaSirayeli ukuba abandezelekile (kuba abantu bebefingiwe), abantu bazímela emiqolombeni, nasezimfanteni, nasezingxondorheni, nasemiweweni, nasemihadini.
7 Ke kaloku kwawela amaHebhere eYordan, aya ezweni lakwaGadi nelaseGiliyadi. Ke yena uSawule ebeseseGiligali; abantu bonke bamlandela begubha.
8 Walinda iintsuku zasixhenxe, ngokwexesha elibe limisiwe nguSamuweli, àkafika uSamuweli eGiligali; bamphalala abantu bemka kuye.
9 Wathi uSawule, Zisani kum idini elinyukayo nemibingelelo yoxolo. Wenyusa idini elinyukayo.
10 Kwathi, xa agqibileyo ukulinyusa idini elinyukayo, nanko uSamuweli efika; waphuma uSawule waya kumkhawulela, ukuba ambulise.
11 Wathi uSamuweli, Yintoni le uyenzileyo? Wathi uSawule, Kungokuba bendibona abantu bendiphalala, besimka kum, nawe ungàfiki ngexesha elibe limisiwe, namaFilisti ehlanganiselana eMikmas;
12 ndathi, Kaloku amaFilisti aya kuda ehle eze kum eGiligali, ndingambongozanga uYehova; ndazinyanzela, ndalinyusa idini elinyukayo.