8 Walinda iintsuku zasixhenxe, ngokwexesha elibe limisiwe nguSamuweli, àkafika uSamuweli eGiligali; bamphalala abantu bemka kuye.
9 Wathi uSawule, Zisani kum idini elinyukayo nemibingelelo yoxolo. Wenyusa idini elinyukayo.
10 Kwathi, xa agqibileyo ukulinyusa idini elinyukayo, nanko uSamuweli efika; waphuma uSawule waya kumkhawulela, ukuba ambulise.
11 Wathi uSamuweli, Yintoni le uyenzileyo? Wathi uSawule, Kungokuba bendibona abantu bendiphalala, besimka kum, nawe ungàfiki ngexesha elibe limisiwe, namaFilisti ehlanganiselana eMikmas;
12 ndathi, Kaloku amaFilisti aya kuda ehle eze kum eGiligali, ndingambongozanga uYehova; ndazinyanzela, ndalinyusa idini elinyukayo.
13 Wathi uSamuweli kuSawule, Wenzé ngobudenge; akuwugcinanga umthetho kaYehova uThixo wakho awakuwiselayo; ngokuba uYehova ange ebuzinzisile kaloku ubukumkani bakho kwaSirayeli, kude kuse ephakadeni.
14 Ke ngoko ubukumkani bakho abusayi kuma. UYehova uzifunele indoda engantliziyo yakhe; wayimisa uYehova ukuba ibe yingànga yabantu bakhe; ngokuba akukugcinanga oko uYehova akuwisele umthetho ngako.