34 Wathi uSawule, Yithini saa phakathi kwabantu, nithi kubo, Zisani kum elowo inkomo yakhe, elowo igusha yakhe, nixhelele apha, nidle; ningoni kuYehova ngokuyidla inegazi. Bonke abantu bazisa elowo inkomo yakhe ngesandla sakhe ngobo busuku, baxhelela khona.
35 USawule wakha isibingelelo kuYehova, waqala ngaso ukwakha isibingelelo kuYehova.
36 Wathi uSawule, Masihle siwaphuthume amaFilisti ebusuku, siwaphange kude kuse ngomso, singashiyi mntu kuwo. Bathi, Yenza konke okulungileyo emehlweni akho. Wathi umbingeleli, Masisondele kuThixo apha.
37 USawule wabuza kuThixo, esithi, Ndíhle ndiwalandele na amaFilisti? Wòwanikela na esandleni samaSirayeli? Akamphendula loo mini.
38 Wathi uSawule, Yizani apha, nonke nina zibonda zabantu, nazi, nibone ukuba sikwini na esi sono namhlanje?
39 Ngokuba ehleli nje uYehova osindise amaSirayeli, nokuba sibe sikuYonatan unyana wam, ubeya kufa. Akwabakho umphendulayo ebantwini bonke.
40 Wathi kumaSirayeli onke, Yibani ngelinye icala nina, ndibe ngelinye icala, mna noYonatan unyana wam. Bathi abantu kuSawule, Yenza okulungileyo emehlweni akho.