6 Wathi ke uYonatan kumfana lowo uphatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yaba bangalukileyo; mhlawumbi uYehova wosisebenzela; ngokuba akukho sithintelo kuYehova ukuba asindise ngabaninzi nangabambalwa.
7 Wathi umphathi weentonga zakhe kuye, Yenza konke okusentliziyweni yakho; singa phaya; yabona, ndinawe ngokwentliziyo yakho.
8 Wathi uYonatan, Yabona, siyaphumela, siya kulaa madoda, siya kuzibonakalisa kuwo.
9 Ukuba athe kuthi, Hlalani, side size kuni; siya kuma kuloo ndawo yethu, singenyuki siye kuwo.
10 Ukuba athe, Nyukani nize kuthi: sonyuka, ngokuba uYehova uwanikele esandleni sethu; lowo woba ngumqondiso kuthi.
11 Bazibonakalisa bobabini ekampini yamaFilisti; athi amaFilisti, Nanga amaHebhere ephuma emingxunyeni abezimele kuyo.
12 Abaphendula amadoda asekampini ooYonatan nomphathi weentonga zakhe, athi, Nyukani nize kuthi, sinibonize. Wathi uYonatan kumphathi weentonga zakhe, Nyuka emva kwam; ngokuba uYehova uwanikele esandleni samaSirayeli.