4 Wababiza ke abantu, wababala eTelayim; amabini amakhulu amawaka omqikela; alishumi lamawaka amadoda akwaYuda.
5 USawule wafika kumzi wama-Amaleki walalela esihlanjeni.
6 Wathi uSawule kumaKeni, Hambani nihle, nimke kuma-Amaleki, hleze ndiniquke nawo; nina nabenzela inceba bonke oonyana bakaSirayeli ekunyukeni kwabo eYiputa. Emka ke amaKeni kuma-Amaleki.
7 USawule wawaxabela ama-Amaleki, wathabathela eHavila wada waya eShure, ekhangelene neYiputa.
8 Wambamba uAgagi ukumkani wama-Amaleki ehleli, wabasingela phantsi bonke abantu ngohlangothi lwekrele.
9 USawule nabantu bamsindisa uAgagi, neyona ilungileyo impahla emfutshane, neenkomo, neyalekelwayo, neemvana, izinto zonke ezilungileyo àbavuma ukuzisingela phantsi zona; ke yonke impahla edelekileyo, egxugxileyo, bayisingela phantsi.
10 Lafika ilizwi likaYehova kuSamuweli, lisithi,