11 OoSawule namaSirayeli onke baweva amazwi alo mFilisti, bathi qhiphu umbilini, boyika kunene.
12 Ke uDavide waye engunyana waloo mEfrata waseBhetelehem yakwaYuda, ugama linguYese, únyana basibhozo; ubeyindoda eyalupheleyo ngemihla kaSawule, emdala kakhulu phakathi kwamanye amadoda.
13 Babeye ekulweni oonyana abathathu bakaYese abakhulu, bemlandela uSawule. Amagama oonyana bakhe abathathu ababeye kulwa nguEliyabhi owamazibulo, emva kwakhe nguAbhinadabhi, owesithathu nguShama.
14 UDavide ubengomncinane; abakhulu bobathathu babelandele uSawule.
15 UDavide ubesiya abuye kuSawule, ukuba aluse impahla emfutshane kayise eBhetelehem.
16 UmFilisti lowo weza kusasa nangokuhlwa, wema imihla emashumi mané.
17 Wathi uYese kuDavide unyana wakhe, Khawuphathele abakhuluwa bakho iefa* yamakhweba la, nezonka ezi zilishumi, ugidime uye emkhosini kubakhuluwa bakho,