2 USawule namadoda akwaSirayeli ahlanganisana, amisa entilini kaEla, ákha uluhlu lokulwa ukuba awahlangabeze amaFilisti.
3 AmaFilisti ema ngasentabeni ngapha, amaSirayeli ema ngasentabeni ngapha, umfula uphakathi kwawo.
4 Kwaphuma empini yamaFilisti indoda efuna undikho, egama linguGoliyati waseGati, ebude buziikubhite* ezintandathu ezinomolulo weminwe;*
5 enesigcinantloko sobhedu entloko, yambethe ingubo yentsimbi; ubunzima bengubo yentsimbi buziishekele* zobhedu ezimawaka mahlanu;
6 eneentsekelezane zobhedu emilenzeni, nomkhonto wobhedu phakathi kwamagxa ayo;
7 uluthi lwentshuntshe yayo belungangomthi wabaluki; intsimbi yentshuntshe yayo ibiziishekele ezimakhulu mathandathu esinyithi; kuhamba umphathi wekhaka phambi kwayo.
8 Yema, yamemeza kwizintlu zakwaSirayeli, yathi kuzo, Yini na ukuba niphume nakhe uluhlu lokulwa? Andinguye na umFilisti, nayé nina ningabakhonzi bakaSawule? Zikhetheleni indoda, ihle ize kum.