52 Asuka amadoda akwaSirayeli nawakwaYuda, aduma, awasukela amaFilisti kwada kwayiwa emfuleni, kwesa emasangweni ase-Ekron. Awa amaFilisti angxwelerhiweyo endleleni yaseShaharayim, kwesa naseGati, kwesa nase-Ekron.
53 Babuya oonyana bakaSirayeli ekuwasukeleni ngokushushu amaFilisti, baziphanga iintente zawo.
54 UDavide wayithabatha intloko yomFilisti, wayisa eYerusalem; impahla yakhe wayibeka ententeni yakhe.
55 Xa uSawule ebembona uDavide, ephuma esiya kumhlangabeza umFilisti, wathi kuAbhinere, umthetheli-mkhosi, Wa, Abhinere, ngunyana kabani na lo mfana? Wathi uAbhinere, Uhleli nje umphefumlo wakho, kumkani, andazi.
56 Wathi ukumkani, Buza ukuba ingunyana kabani na le ndodana.
57 Xa uDavide wabuyayo ekumbulaleni umFilisti, uAbhinere wamthabatha, wamzisa phambi koSawule, ephethe ngesandla intloko yomFilisti.
58 Wathi uSawule kuye, Ùngunyana kabani na, mfanandini? Wathi uDavide, Ndingunyana womkhonzi wakho, uYese waseBhetelehem.