18 Waye uSamuweli elungiselela phambi koYehova, eyinkwenkwe ebhinqe iefodi* yelinen emhlophe.
19 Unina ubemenzela ingubo yokwaleka, anyuke nayo, ayise kuye iminyaka ngeminyaka ekunyukeni kwakhe nendoda yakhe, ukuza kubingelela umbingelelo womnyaka.
20 UEli wamsikelela uElikana nomkakhe, wathi, UYehova makakunike imbewu ngalo mfazi esikhundleni soceliweyo, owacelwa kuYehova. Bahamba bagoduka.
21 UYehova wamvelela uHana; wamitha, wazala oonyana abathathu, neentombi ezimbini. Yakhula inkwenkwe enguSamuweli ikuYehova.
22 Ke kaloku uEli ubeselemdala kakhulu; wayiva yonke into ababeyenza oonyana bakhe kumaSirayeli onke, kwanokuba babelala nabafazi ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana.
23 Wathi kubo, Yini na ukuba nenze izinto ezinjengezi? Kuba izenzo zenu ezibi ndiziva ngaba bantu bonke.
24 Hayi, nyana bam; ngokuba asiludaba luhle olu ndiluvayo mna; nibanga ukuba abantu bakaYehova bagqithise.