32 ukubone ukubandezelwa kwekhaya lam ezintweni zonke uThixo aya kuwenzela okulungileyo ngazo amaSirayeli; kungabikho ngwevu endlwini yakho imihla yonke.
33 Ke andiyi kunqumla mntu wonke wakwakho esibingelelweni sam, ukuze amehlo akho aphele, nomphefumlo wakho uthè; kufè kungamadoda konke ukwanda kwendlu yakho.
34 Nguwo lo umqondiso kuwe, oya kubafikela oonyana bakho bobabini, uHofeni noPinehasi: baya kufa bobabini ngamhla mnye.
35 Ndiya kuzivelisela umbingeleli othembekileyo, oya kwenza njengoko kusentliziyweni yam, nasemphefumlweni wam; ndimakhele indlu eqinileyo, ahambe phambi komthanjiswa wam yonke imihla.
36 Kothi, lowo useleyo endlwini yakho, eze azigobe kuye ngenxa yeqhosha lesilivere nesuntswana lesonka, athi, Khawundifake komnye umsebenzi wobubingeleli, ukuze ndidle iqhekeza lesonka.