15 ungàthi, ndakufa, uyinqumle inceba yakho endlwini yam nanini, ungènjenjalo nasekuzinqamleni kukaYehova iintshaba zikaDavide zonke ngazinye, ebusweni bomhlaba.
16 Wanqophisana ke uYonatan nendlu kaDavide, esithi, UYehova makakubuze ke oku esandleni seentshaba zikaDavide.
17 Waphinda uYonatan ukumfungisa uDavide ngokumthanda kwakhe; ngokuba ebemthanda njengomphefumlo wakhe.
18 UYonatan wathi kuye, Ngomso iya kuthwasa inyanga; ùya kubuzwa, ngokuba isihlalo sakho siya kuba sodwa.
19 Ngomhla wesithathu uze uhle kamsinya, uye kuloo ndawo wawuzifihle kuyo ngemini yomsebenzi lowa, uhlale ecaleni lelitye le-Ezeli;
20 ndizitolele ecaleni lalo iintolo zontathu, ndinge ndizixunela etekenini.*
21 Yabona, ndiya kumthuma umfana, ndithi, Yiya, uzithabathe iintolo. Ukuba ndithe kumfana, Nanzi iintolo, zinganeno kwakho, zithabathe: wòza wena; ngokuba koba kuluxolo kuwe, akukho nto, ehleli nje uYehova.