21 Yabona, ndiya kumthuma umfana, ndithi, Yiya, uzithabathe iintolo. Ukuba ndithe kumfana, Nanzi iintolo, zinganeno kwakho, zithabathe: wòza wena; ngokuba koba kuluxolo kuwe, akukho nto, ehleli nje uYehova.
22 Ke ukuba ndithe kwindodana leyo, Nanzo iintolo zingaphaya kwakho: hamba, ngokuba uYehova woba ukundulule.
23 Ke ilizwi eliyá silithethileyo mna nawe, yabona, uYehova uphakathi kwam nawe kude kuse ephakadeni.
24 Wazímela ke uDavide ezindle. Yathwasa inyanga; wahlala ukumkani esidlweni ukuba adle.
25 Wahlala ukumkani esihlalweni sakhe njengezinye izihlandlo, esihlalweni saseludongeni. Wesuka wema uYonatan. Wahlala uAbhinere ecaleni likaSawule, yayodwa indawo kaDavide.
26 Akathetha nto uSawule ngaloo mini; ngokuba ebesithi, Uhlelwe yinto; àkahlambulukile, inene, akahlambulukile.
27 Kwathi ngengomso, iselithwasile nenyanga ngosuku lwesibini, ayaba namntu indawo kaDavide. Wathi uSawule kuYonatan, unyana wakhe, Yini na ukuba angezi kudla unyana kaYese nayizolo nanamhla?