1 Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, Nanga amaFilisti esilwa neKehila; ayazidywida izandá.
2 UDavide wabuza kuYehova, wathi, Ndiye na ndiwachithe la maFilisti? Wathi uYehova kuDavide, Yiya uwachithe amaFilisti, uyisindise iKehila.
3 Athi amadoda akwaDavide kuye, Nanku thina sisoyika, sikwaYuda apha. Sobeka phi na, xa sithe saya eKehila, ezintlwini zamaFilisti?
4 Waphinda uDavide, wabuza kuYehova kanjalo. Wamphendula uYehova, wathi, Suka uhle, uye eKehila; ngokuba ndiya kuwanikela amaFilisti esandleni sakho.
5 Waya ke uDavide namadoda akwakhe eKehila, walwa namaFilisti, wayiqhuba imfuyo yawo, wawabulala kakhulu. Wabasindisa ke uDavide abemi beKehila.
6 Kwathi, ekubalekeni kuka-Abhiyatare, unyana ka-Ahimeleki, kuDavide eKehila, wehla ene-efodi* esandleni sakhe.