16 Wesuka uYonatan unyana kaSawule, waya kuDavide entshinyeleni yehlathi. Wasomeleza isandla sakhe kuThixo, wathi kuye,
17 Musa ukoyika, ngokuba isandla sikaSawule ubawo asiyi kukufumana. Wena uya kuba ngukumkani kumaSirayeli, mna ndibe nganeno kwakho; kananjalo uSawule ubawo uyakwazi kakuhle oku.
18 Benza umnqophiso bobabini phambi koYehova. UDavide wahlala entshinyeleni yehlathi apho, uYonatan waya endlwini yakhe.
19 Benyuka abaseZifi, baya kuSawule eGibheha, besithi, UDavide akazizimeze kuthi yini na ezimboniselweni, entshinyeleni yehlathi, endulini yeHakila esekunene kwenkangala?
20 Kaloku yihla, kumkani, ngokomnqweno wonke womphefumlo wakho ukuhla; kunathi ukumnikela esandleni sokumkani.
21 Wathi uSawule, Nisikelelwe nguYehova; ngokuba ninofefe kum.
22 Khaniye nigqale okunye, nazi, nibone indawo yakhe, apho unyawo lwakhe lukhona, nokuba ngubani na ombone khona; ngokuba kuthiwa kum, Asikuko nokuba unobuqhophololo;