18 Benza umnqophiso bobabini phambi koYehova. UDavide wahlala entshinyeleni yehlathi apho, uYonatan waya endlwini yakhe.
19 Benyuka abaseZifi, baya kuSawule eGibheha, besithi, UDavide akazizimeze kuthi yini na ezimboniselweni, entshinyeleni yehlathi, endulini yeHakila esekunene kwenkangala?
20 Kaloku yihla, kumkani, ngokomnqweno wonke womphefumlo wakho ukuhla; kunathi ukumnikela esandleni sokumkani.
21 Wathi uSawule, Nisikelelwe nguYehova; ngokuba ninofefe kum.
22 Khaniye nigqale okunye, nazi, nibone indawo yakhe, apho unyawo lwakhe lukhona, nokuba ngubani na ombone khona; ngokuba kuthiwa kum, Asikuko nokuba unobuqhophololo;
23 nibone, nazi iindawo zonke zokuzimela, aya kuzimela kuzo, nibuyele kum niqiqile; ndohamba nani. Kothi, ukuba úkho kweli lizwe, ndimfune ndimfumane phakathi kwamawaka onke akwaYuda.
24 Besuka ke baya eZifi phambi koSawule.UDavide namadoda akhe wayesentlango yeMahon, eArabha, ngasekunene kwenkangala.