11 Khangela ke, bawo, nali isondo lengubo yakho yokwaleka, lisesandleni sam; ngokuba, ndingakubulalanga nje ekulinqumleni isondo lengubo yakho yokwaleka, yazi, ubone ukuba esandleni sam akukho bubi nalukreqo. Andonanga kuwe, uwuzingela nje umphefumlo wam, ukuba uwuthabathe.
12 UYehova uya kugweba phakathi kwam nawe, andiphindezelele uYehova kuwe; ke isandla sam asiyi kukuphatha.
13 Njengoko litshoyo iqhalo lamanyange ukuthi, Okungendawo kuphuma kwabangendawo; ke isandla sam asiyi kufikelela kuwe.
14 Úphumelene nabani na kodwa ukumkani wamaSirayeli? Úsukela bani na? Úsukela inja efileyo, úsukela intakumba embala.
15 UYehova makabe ngumgwebi, agwebe phakathi kwam nawe, abone, abambane ngobambano lwam, andigwebele, ndisinde esandleni sakho.
16 Kwathi, akugqiba uDavide ukuwathetha la mazwi kuSawule, wathi uSawule, Lilizwi lakho na elo, nyana wam Davide? USawule waliphakamisa izwi lakhe, walila.
17 Wathi kuDavide, Ilungisa nguwe kunam; ngokuba undenzé okulungileyo wena, ndakwenza okubi mna.