11 Ndingáthini na ukuthabatha isonka sam, namanzi am, nento yam exheliweyo, endiyixhelele abachebi bam, ndiyinike amadoda endingawaziyo nokuba avela phi na?
12 Ajika ke amadodana akwaDavide, ahamba ngendlela yawo, abuya eza amxelela ngokwaloo mazwi onke.
13 Wathi uDavide kumadoda akhe, Nxibani elowo ikrele lakhe. Banxiba ke elowo ikrele lakhe. Walinxiba noDavide ikrele lakhe. Kwenyuka uDavide, elandelwa ngamadoda akumakhulu amané; kwahlala amakhulu amabini nempahla.
14 Ke kaloku uAbhigali, umkaNabhali, waxelelwa yindodana ethile kumadodana akhe, isithi, Yabona, uDavide ususe abathunywa entlango, ukuba beze kusikelela inkosi yethu; yesuka yabadlakavula.
15 Kanti amadoda lawo ebelungile kunene kuthi; akasonanga, asilahlekelwanga nto ngemihla yonke esibe sihamba nawo, oko besisezindle;
16 aba ludonga kuthi nasebusuku nasemini, yonke imihla ebe sinawo, sisalusa impahla emfutshane.
17 Yazi ngoko, uyibone into oyenzayo; ngokuba kugqitywe kwelobubi ngakwinkosi yethu, nangakwindlu yayo yonke; ilitshijolo, akusenakuthethwa nayo.