25 Inkosi yam mayingàkhe ikhathale ngulo mntu ulitshijolo, uNabhali; ngokuba njengoko linjalo igama lakhe, únjalo yena; nguNabhali* igama lakhe, unobudenge; ke mna, mkhonzazana wakho, andiwabonanga amadodana enkosi yam, owawathumayo.
26 Ngoko, nkosi yam, ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, inene, uYehova ukunqandile ukuba ungaphalazi gazi, ungazisindisi ngesandla sakho; ngoko mazibe njengoNabhali iintshaba zakho, nabayifunela ububi inkosi yam.
27 Ngoko le ntsikelelo, ayizisileyo umkhonzazana wakho enkosini yam, mayinikwe amadodana alandela inkosi yam.
28 Khawumxolele umkhonzazana wakho ukreqo lwakhe; ngokuba, inene, uYehova uya kuyenzela inkosi yam indlu eqinileyo; ngokuba inkosi yam ilwa iimfazwe zikaYehova; ububi abuyi kufunyanwa kuwe imihla yakho yonke.
29 Xa kuthe kwesuka umntu, wakusukela, wawufuna umphefumlo wakho, wóbotshwa umphefumlo wenkosi yam esiqhumeni sabaphilileyo kuYehova uThixo wakho; ke wona umphefumlo weentshaba zakho wowusawula entendeni yenkwitshi.
30 Kuthi, xa uYehova athe wenza kwinkosi yam njengako konke okulungileyo akuthethileyo ngawe; wakumisa wayingànga yamaSirayeli:
31 oko kungabi sisiwiso kuwe, nesikhubekiso sentliziyo yenkosi yam, nokuphalaza igazi elimsulwa, nokuzisindisa kwenkosi yam; ukuba uthe uYehova wenza okulungileyo enkosini yam, wómkhumbula umkhonzazana wakho.