29 Xa kuthe kwesuka umntu, wakusukela, wawufuna umphefumlo wakho, wóbotshwa umphefumlo wenkosi yam esiqhumeni sabaphilileyo kuYehova uThixo wakho; ke wona umphefumlo weentshaba zakho wowusawula entendeni yenkwitshi.
30 Kuthi, xa uYehova athe wenza kwinkosi yam njengako konke okulungileyo akuthethileyo ngawe; wakumisa wayingànga yamaSirayeli:
31 oko kungabi sisiwiso kuwe, nesikhubekiso sentliziyo yenkosi yam, nokuphalaza igazi elimsulwa, nokuzisindisa kwenkosi yam; ukuba uthe uYehova wenza okulungileyo enkosini yam, wómkhumbula umkhonzazana wakho.
32 Wathi ke uDavide kuAbhigali, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, okuthumileyo namhla, wandikahwulela.
33 Mayibongwe imvo yakho, ubongwe wena, ondaleleyo namhla ukuba ndiphalaze igazi, ndizisindise ngesandla sam.
34 Noko ke ehleli nje uYehova, uThixo kaSirayeli, ondithinteleyo àndenza nto imbi, ukuba ubungangxamanga uze kundikhawulela, inene, ngekungadanga kuse ngomso kusasele kwaNabhali into eyindoda.
35 UDavide wakwamkela esandleni sakhe oko akuzisileyo kuye; wathi kuye, Nyuka unoxolo, uye endlwini yakho; uyabona, ndiliphulaphule izwi lakho, ndakunonelela.