1 Beza abaseZifi kuSawule eGibhela, bathi, UDavide àkazifihlé endulini yeHakila, ekhangelene nenkangala, yini na?
2 Wesuka uSawule, wehla waya entlango yeZifi, enamadoda angamawaka amathathu ahleliweyo akwaSirayeli, eya kufuna uDavide entlango yaseZifi.
3 USawule wamisa endulini yeHakila, ekhangelene nenkangala, ngasendleleni. Ke uDavide wayehleli entlango; wabona ukuba uSawule uyamlandela entlango.
4 UDavide wasusa iintlola, wazi ngazo ukuba uSawule uzile okunene.