11 Aphuma amadoda akwaSirayeli eMizpa, awasukela amaFilisti, awabulala, esa phantsi kweBhetekare.
12 USamuweli wathabatha ilitye, walimisa phakathi kweMizpa neShen, wathi igama lalo yiEbhenezere;* wathi, Kude kwaba lapha uYehova esinceda.
13 Athotywa ke amaFilisti, akaba saphinda eze emdeni wakwaSirayeli; sachasana namaFilisti isandla sikaYehova yonke imihla kaSamuweli.
14 Yabuyiselwa kumaSirayeli imizi leyo abeyithimbile amaFilisti kumaSirayeli, ithabathela e-Ekron yesa eGati; nemida yayo ayihlangula amaSirayeli esandleni samaFilisti. Laxola ke phakathi kwamaSirayeli nama-Amori.
15 USamuweli waye engumlawuli kumaSirayeli yonke imihla yobomi bakhe;
16 ehamba iminyaka ngeminyaka, ejikeleza eBheteli, naseGiligali, naseMizpa, ewalawula amaSirayeli kwezo ndawo zonke;
17 ebuyela eRama, ngokuba yayikhona indlu yakhe. Wawalawula nakhona amaSirayeli, wákha isibingelelo kuYehova khona.