2 Kwathi, ihleli eKiriyati-yeharim apho ityeya, zanda iintsuku, zayiminyaka emashumi mabini; yamlandela uYehova ngesimema yonke indlu kaSirayeli.
3 Wathi ke uSamuweli kwindlu yonke kaSirayeli, Ukuba nibuyela kuYehova ngentliziyo yenu yonke, basusenl ke phakathi kwenu oothixo bolunye uhianga nooAshtaroti,* nizimise iintliziyo zenu kuYehova, nikhonze yena yedwa: wonihlangula ke esandleni samaFilisti.
4 Oonyana bakaSirayeli babasusa ke ooBhahali* nooAshtaroti, bakhonza uYehova yedwa.
5 Wathi uSamuweli, Wahlanganiseleni eMizpa onke amaSirayeli, ndinithandazele kuYehova.
6 Ahlanganiselana eMizpa, akha amanzi, awaphalaza phambi koYehova, azila ukudla ngaloo mini, athi khona, Sonile kuYehova. Wabalawula uSamuweli oonyana bakaSirayeli eMizpa.
7 Eva amaFilisti ukuba oonyana bakaSirayeli bahlanganiselene eMizpa, zenyuka izikhulu zamaFilisti, zawaphumela amaSirayeli. Beva oonyana bakaSirayeli, bawoyika amaFilisti.
8 Bathi oonyana bakaSirayeli kuSamuweli, Musa ukuyeka ukusikhalela kuYehova uThixo wethu, asisindise esandleni samaFilisti.