12 ùbunikiwe ubulumko nokwazi; ndiya kukunika ubutyebi, nenzuzo, nozuko, ekungabangakho unjalo kookumkani ababephambi kwakho, ekungayi kubakho unjalo emva kwakho.
13 Wabuya ke uSolomon esigangeni esibe siseGibheyon, weza eYerusalem, esuka phambi kwentente yokuhlangana, waba ngukumkani kumaSirayeli.
14 USolomon wahlanganisa iinqwelo zokulwa namahashe akhwelwayo; waba newaka elinamakhulu amané eenqwelo zokulwa, namawaka alishumi elinamabini amahashe akhwelwayo; wazibeka emizini yeenqwelo, nakukumkani eYerusalem.
15 Ukumkani wayenza isilivere negolide yaninzi njengamatye eYerusalem, nemisedare* wayenza yanjengemithombe esesihlanjeni, ukuba mininzi.
16 Ukuphuma kwamahashe abengakaSolomon eYiputa, lathi igqiza labathengela ukumkani, lathabatha igqiza lawo ngenani elithile.
17 Baphuma nenqwelo eYiputa, bayithenga ngamakhulu amathandathu eeshekele zesilivere,* nehashe ngekhulu elinamanci mahlanu. Benjenjalo ke bona ngokwabo ukubathuthela amahashe ookumkani bonke bamaHeti nookumkani bama-Aram.*