3 Baya ke ooSolomon nebandla lonke elo esigangeni esibe siseGibheyon; ngokuba yabe ikhona intente yokuhlangana kaThixo, awayenzayo uMoses umkhonzi kaThixo entlango.
4 Ke yona ityeya kaThixo wayeyinyusile uDavide eKiriyati-yeharim, wayisa kuloo ndawo abeyilungisele yona uDavide; ngokuba wayeyimisele intente eYerusalem.
5 Isibingelelo sobhedu, abesenzile uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, sasilapho phambi komnquba kaYehova; bamquqela uYehova ooSolomon nebandla kwisibingelelo eso,
6 Wenyusa khona uSolomon esibingelelweni sobhedu phambi koYehova, esibe singasententeni yokuhlangana, wenyusa kuso amadini anyukayo aliwaka.
7 UThixo wabonakala ngobo busuku kuSolomon, wathi kuye, Cela into, ndikuphe.
8 Wathi uSolomon kuThixo, Wena wenzé kuDavide ubawo inceba enkulu, wandenza ukumkani esikhundleni sakhe.
9 Ke kaloku, Yehova Thixo, malinyaniseke ilizwi lakho owalenza kuDavide ubawo; ngokuba wena undenzé ukumkani wabantu abaninzi njengothuli lomhlaba.