1 UAbhiya walala kooyise; bamngcwabela emzini kaDavide; ke uAsa unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka yalishumi.
2 UAsa wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe.
3 Wazisusa izibingelelo nezigánga zezithixo zolunye uhlanga; waziqhekeza izimiso zamatye, wabagawula ooAshera.*
4 Wathi kumaYuda makamquqele uYehova, uThixo wooyise, awenze umyalelo nomthetho.
5 Wazisusa ke emizini yonke yakwaYuda izigánga, neentsika zelanga; bazola ubukukani phambi kwakhe.