20 Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna.
21 Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na? Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Mlukuhle ufeze; phuma uye, wenjenjalo.
22 Uyabona kaloku uYehova ungenisé umoya wobuxoki emlonyeni wabo baprofeti bakho; uYehova uthethé okubi ngawe.
23 Wesuka uZedekiya, unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Úgqithe ngayiphi na indlela uMoya kaYehova ukumka kum, ukuba aye kuthetha nawe?
24 Wathi uMikaya, Khangela, ùya kubona ngaloo mini, ùya kuza uthungele amagumbi, uzímela.
25 Wathi ukumkani wakwaSirayeli, Mthabatheni uMikaya, nibuye naye, nimse kuAmoni umphathi womzi, nakuYowashe unyana wokumkani.
26 Nithi, Utsho ukumkani ukuthi, Mfakeni entolongweni lo, nimdlise isonka soxiniweyo, namanzi oxiniweyo, ndide ndibuye ndinoxolo.