3 Wathumela uSolomon kuHiram ukumkani waseTire, wathi, Njengoko wakwenzayo kuDavide ubawo, wathumela kuye imisedare* yokuzakhela indlu yokuba ahlale kuyo, yènjenjalo nakum.
4 Yabona, ndilakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, ukuba ingcwaliselwe yena, kuqhunyiselwe phambi kwakhe isiqhumiso esiqholiweyo, kucwangciswe ngamaxesha onke ukucwangciswa kwezonka, kunyuswe amadini anyukayo kusasa nangokuhlwa, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo nguYehova uThixo wethu; yeyaphakade loo nto kumaSirayeli.
5 Indlu endiyakhayo inkulu; ngokuba mkhulu uThixo wethu koothixo bonke.
6 Ngubani na onamandla okumakhela indlu; ngokuba izulu, nezulu lawo amazulu, alimlingene? Ndingubani na ke mna, ukuba ndimakhele indlu, ingába yeyokuqhumisela phambi kwakhe kodwa?
7 Ndíthumele ke ngoko indoda enobugcisa ukusebenza ngegolide, nangesilivere, nangobhedu, nangesinyithi, nangemisonto emfusa nebomvu nemsi, ekwaziyo ukukrola ndawonye nabalumkileyo abakum kwaYuda naseYerusalem, abalungiswáyo nguDavide ubawo.
8 Ndíthumele nemisedare, nemisipres,* nemialgumi,* evela eLebhanon; ngokuba ndiyazi mna ukuba abakhonzi bakho bayakwazi ukugawula imithi eLebhanon.
9 Yabona abakhonzi bam bohamba nabakhonzi bakho, bandilungisele imithi emininzi; ngokuba indlu endiyakhayo inkulu ngokubalulekileyo.